Friday, 31 July 2015

U-Msamariya olungileyo unceda abantwana bezikolo e-Rabula.

Abantwana kwakunye nabazali base Rabula eQoboqobo bazibone befikelwa ngumsamariya olungileyo nothe wasabela kwisicelo sabo sokunceda abantwana besikolo abangenazihlangu zasikolo.

Izolo kwa Noxolo (Pholantloko) bekusingathwe umsebenzi wokunikezwa kwezihlangu kubantwana besikolo samabanga aphantsi i-Sonwabile kwakunye nesamabanga aphezulu i-Kwa-Dliso. Umama u-Yakhe Kwinana othe wavakalelwa sisicelo sabazali, abantwana kwakunye nabafundisi ntsapho uye wathetha ngesigqibo sokuzakunika abantwana isipho sezihlangu wathi: https://soundcloud.com/uviwe-jara/01-mrs-kwinana...Ukanti eqhubekeka esaleka ngendima abazakuthi bayidlale ekuqinisekiseni ukuba abntwana base Rabula banengomso eliqaqambhileyo uthethe wathi bazakuqinikisa ukuba eliphulo liqhuba minyaka le. Ukongeza uthi bazakunika umntwana ophumelele emagqabini kwibanga leshumi ithuba lokuba bafezekise amaphupha abo ngokuthi babafundise okanye babafunele imali nxaso khona ukuze bafumane imfundo enomsila ezakubavulela amasango kwiindawo abafuna ukuxelenga kuzo. Nanku umama u-Kwinana ezithethela ngokwakhe: https://soundcloud.com/uviwe-jara/02-mrs-kwinana. Umakhulu u-Sidinana onomntwana ofumene izihlangu uthethe ngento abayenzelwe ngu mama u-Kwinana wenjenje: https://soundcloud.com/uviwe-jara/03-mrs-sidinana. Umntwana othethe kamnandi wesikolo samabanga aphantsi i-Sonwabile u-Lindiswa Mbopha uthethe wabulela ngabakwenzelweyo wathi: https://soundcloud.com/uviwe-jara/04-lindiswa-mbopha, owesikolo samabanga aphezulu i-Kwa-Dliso yena uphefumle ngelithi: https://soundcloud.com/uviwe-jara/05-sisipho-magenuka. Inqununu yesikolo ebekubanjelwe kuwo lomsitho u-mnumzana Mahlasela ukubulele kakhulu abakwenzelwe ngumama u-Kwinana ngokungazenzisiyo, nanku ezithethela ngokwakhe: https://soundcloud.com/uviwe-jara/06-principal.

Ngabantwana abangamashumi amahlanu anomvo abathe baxhamla kwisikolo samabanga aphantsi, ze kwesamabanga aphezulu babelishumi abathe bafumana ezi zihlangu. Abangakhange bafumane kwelityeli abashiywanga enyanyeni nanjengoko bethenjisiwe ukuba bazakuhoywa nabo. Abahlali, abahlohli kwakunye nabantwana bacela ababefudula befunda kwizikolo zabo bangabalibali besakulungelwa khona ukuze baphucule ubomi babo.

Monday, 27 July 2015

SASSA Burnshill, Keiskammahoek out-reach programme

U-SASSA ebebambhe inkqubo yokubhaliswa kwabafaki zicelo zezibonelelo zemali ka rhulumente. Inkqubo le ibibanjelwe e-Mkhubiso ku ward 10 okhokhelwe ngukhansila u-Nocawe Ndodana e-Qoboqobo phantsi komasipala i-Amahlathi.


Oyena nobangela walankqubo ibikukunika abantu abadala kwakunye nabatsha ithuba lokufaka izicelo  nezikhalazo zabo. Iilali ebezizimasile kuquka i-Mkhubiso, Zanyokwe, iLene kwakunye ne Ngxondorha. Ukanti bona abantu abebeyinxalenye singabalula inkosi u-Gaika, amagosa esebe lezophuhliso, isebe lemicimbhi yezekhaya (Home affairs), isebe lezempilo, amapolisa kwakunye namanye amasebe ebe bambhisene no SASSA. Isebe ngalinye liyondlale kwacaca gca okwe kati emhlophe ehlungwini indima edlalwa lilo ekuqinisekiseni ukuba iinkonzo zikarhulumente ziyafikelela eluntwini. Oyinkosana phantsi kwe-Ngqika tribal authority utata u-Mncedisi Tuswa uthethe ngolutyelelo wenjenje… (INSERT 1-https://soundcloud.com/uviwe-jara/mncedisi-tuswa) Kwiingcebiso u-SASSA azinike uluntu kuquka ukusetyenziswa kwe mali yabantu abadala ngondlela mnyama, nanto leyo aabayibeke kwacaca ukuba ngumkhuba ombi ekumele uphele. U-SASSA esongeza kwizilumkiso zabo baphinde bachaphazela umba okhalisa umzi kuzwe lonke, umcimbhi wokuncedwa ngumntu ongamaziyo koomatshini bemali. Boleke ngelithi abantu abaninzi benzelwa ubuqhopholo ngababantu benza ngathi babanika uncedo kanti benzela bona. Abakwa SASSA baphinde bathi abantu abadala mabawafihle amakhadi abo kwaye umntu anganikeli nabani na ukuba amkhuphele imali yakhe. Oku kuvele emveni kokuba kukho inkxakamo ngokuthengwa kombane kwakunye ne-airtime ngemali yabantu abadala bengenalwazi loko, Okhe walixhoba lokuthathelwa imali umama u-Dyantyi unabe ngakuvileyo ngelithi… (INSERT 2- https://soundcloud.com/uviwe-jara/mrs-dyantyi) kubongozwe uluntu lonke ukuba lisebenzisane nokulwa ubuqhophololo kuncedwane nabantu abadala ngendlela eyiyo kwaye u-SASSA uthi iminyango yakhe ihlala ivulekile kwaye bahlala beqinisekisa ukuba umsebenzi wabo wenziwa ngendlela eyiyo. U-Warrant Officer Mlamli Silwana uthethe nabahlali ngomba wokuboleka imali koomatshonisa wenjenje… (INSERT 3- https://soundcloud.com/uviwe-jara/w-o-silwana). Owasetyhini osemtsha uthethe ngakuve kwintetho yegosa lesebe lezekhaya wathi … (INSERT 4- https://soundcloud.com/uviwe-jara/zintle-majiki). Uceba wendawo umama uNdodana uthethe ngo SASSA namanye amasebe ngokuzisa iinkonzo eluntwini wathi… (INSERT 5- https://soundcloud.com/uviwe-jara/cncllr-ndodana). Uluntu lumke lungawuvali umlomo ngendlela eluhoywe kakuhle nangokukhawuleza ngayo.

Friday, 24 July 2015

Tuesday, 7 July 2015

Forte FM news show

We are on air. Catch us on 88.2 MHz and via internet: www.ufh.ac.za.

Monday, 6 July 2015

Throw back

http://sanelejamesprofile.blogspot.com/2012/10/ancafrican-national-capitalists.html

EFF president, Juju on six government officials

http://www.dailysun.co.za/news/2015-07-06-jujus-bold-move

Deadman alive

http://www.iol.co.za/news/world/dead-man-finally-proves-he-s-alive-1.1880953#.VZqGgvmqqko

Qunu Firepool

http://mg.co.za/article/2015-07-02-nathi-nhleko-and-the-qunu-firepool

Operation Fiela.

http://www.algoafm.co.za/article.aspx?id=13196