U-SASSA
ebebambhe inkqubo yokubhaliswa kwabafaki zicelo zezibonelelo zemali ka
rhulumente. Inkqubo le ibibanjelwe e-Mkhubiso ku ward 10 okhokhelwe ngukhansila
u-Nocawe Ndodana e-Qoboqobo phantsi komasipala i-Amahlathi.
Oyena nobangela walankqubo ibikukunika abantu
abadala kwakunye nabatsha ithuba lokufaka izicelo nezikhalazo zabo. Iilali ebezizimasile kuquka
i-Mkhubiso, Zanyokwe, iLene kwakunye ne Ngxondorha. Ukanti bona abantu
abebeyinxalenye singabalula inkosi u-Gaika, amagosa esebe lezophuhliso, isebe
lemicimbhi yezekhaya (Home affairs), isebe lezempilo, amapolisa kwakunye
namanye amasebe ebe bambhisene no SASSA. Isebe ngalinye liyondlale kwacaca gca
okwe kati emhlophe ehlungwini indima edlalwa lilo ekuqinisekiseni ukuba iinkonzo
zikarhulumente ziyafikelela eluntwini. Oyinkosana phantsi kwe-Ngqika tribal
authority utata u-Mncedisi Tuswa uthethe ngolutyelelo wenjenje… (INSERT 1-https://soundcloud.com/uviwe-jara/mncedisi-tuswa) Kwiingcebiso u-SASSA azinike
uluntu kuquka ukusetyenziswa kwe mali yabantu abadala ngondlela mnyama, nanto
leyo aabayibeke kwacaca ukuba ngumkhuba ombi ekumele uphele. U-SASSA esongeza
kwizilumkiso zabo baphinde bachaphazela umba okhalisa umzi kuzwe lonke,
umcimbhi wokuncedwa ngumntu ongamaziyo koomatshini bemali. Boleke ngelithi
abantu abaninzi benzelwa ubuqhopholo ngababantu benza ngathi babanika uncedo
kanti benzela bona. Abakwa SASSA baphinde bathi abantu abadala mabawafihle
amakhadi abo kwaye umntu anganikeli nabani na ukuba amkhuphele imali yakhe. Oku
kuvele emveni kokuba kukho inkxakamo ngokuthengwa kombane kwakunye ne-airtime
ngemali yabantu abadala bengenalwazi loko, Okhe walixhoba lokuthathelwa imali
umama u-Dyantyi unabe ngakuvileyo ngelithi… (INSERT 2- https://soundcloud.com/uviwe-jara/mrs-dyantyi) kubongozwe uluntu lonke ukuba lisebenzisane nokulwa
ubuqhophololo kuncedwane nabantu abadala ngendlela eyiyo kwaye u-SASSA uthi
iminyango yakhe ihlala ivulekile kwaye bahlala beqinisekisa ukuba umsebenzi
wabo wenziwa ngendlela eyiyo. U-Warrant Officer Mlamli Silwana uthethe
nabahlali ngomba wokuboleka imali koomatshonisa wenjenje… (INSERT 3- https://soundcloud.com/uviwe-jara/w-o-silwana). Owasetyhini osemtsha uthethe ngakuve kwintetho yegosa
lesebe lezekhaya wathi … (INSERT 4- https://soundcloud.com/uviwe-jara/zintle-majiki).
Uceba wendawo umama uNdodana uthethe ngo SASSA namanye amasebe ngokuzisa
iinkonzo eluntwini wathi… (INSERT 5- https://soundcloud.com/uviwe-jara/cncllr-ndodana).
Uluntu lumke lungawuvali umlomo ngendlela eluhoywe kakuhle nangokukhawuleza ngayo.
No comments:
Post a Comment